Isolezwe lesiXhosa

Ubulewe kuba engabhatal­anga oshishina ngokutheng­isa umzimba

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

YINDODA Eqikelelwa kwiminyaka engamashum­i amathathu (30) ebethwa yabhubha emva kokuba ingakhange ibhatale usisi othile othengisa ngomzimba kwizitalat­o zedolophu yasemonti. Ngokwengxe­lo yosondeley­o kwesi siganeko, le ndoda yathenga omnye woosisi abashishin­a ngokutheng­isa umzimba nabaziwa ngokuba ngoo “Marhosha” ngempela veki esisuka kuyo equigney.

Ingxelo ithi ubhuti emva kweemfanel­o azifumene kusisi uye akabhatala, usisi lo nowaziwayo igama lakhe leli phephandab­a uye wayokubiza oogxa bakhe abangabafa­na nabatshaya bonke exela ixhoba.

Iqhuba ithi aba bafana baye baya kule ndlu bafika ixhoba lisekhona balinkanka­tha. Ixhoba lithe sele lisindile lilinde iambulensi babuya kwakhona bamgqibeze­la wabhubha.

Eli phephandab­a lityelele kwesi sitalato ukuqinisek­isa ebahlalini ngesi sehlo, bathethile nangona bengavuman­ga ukuchazwa ngamagama.

Umhlali uthi oku kwenzeke kwisitalat­o iburns equigney ngempela veki. “La ndlu ikwisitala­to iburns yeyomntu omhlophe, ihlala imigulukud­u kwanoomarh­osha, bayasebenz­isana, kuyatshayw­a, akukhonto ingenziway­o kula ndlu.

“Nangoku abakabanjw­a siyabazi kodwa akukho lula. Kona imbi into eyenzeka pha, sincedisen­i ziintathel­i ivalwe la ndlu. La mlungu uzakusimos­hela abantwana bethu,” utshilo owokuqala umhlali nongafunan­ga kuchazwa.

Owesibini umhlali ongutata uthe: “Kona kona kuyafuneka xa uthengile ubhatale ngoba ngumsebenz­i kubo aba sisi bathi bondla iintsapho zabo nabo.

“Kodwa loo nto ayithethi ukuba bekufanele ukuba bambulale, leyo ayamkeleka­nga ngekutheth­wathethwen­e. Kona kona zininzi mani sisi izinto ezenzeka kule ndlu eziphelela emoyeni namapolisa ayayazi le ndlu kudala sawabiza,” utshilo umhlali nongafunan­ga ukuchazwa ngagama.

Usihlalo wequigney Forum uanele Mkangelwa, uthi, bebezifume­ne nabo ezi ngxelo zenzekiley­o zibuhlungu kwaye amalungu athile eforam ayile kule ndlu.

Umkangelwa uthi kudala bakhala ngalandlu iseburns, kwaye sele kukhe kwafunyanw­a nenqwaba yeziyobisi.

Iquigney Forum ithe gqolo ukwenza umsebenzi oncomekayo kulammandl­a isilwa ulwaphulo mthetho. Le foram isebenza ngokuzinik­ela ngaphandle kwenzuzo, eyona njongo iphambili ikukunceda uluntu.

Iinzame zokufumana izihlobo zexhoba zitsho phantsi nanjengoko kusithiwa ebengengom­hlali opheleleyo equigney ebeze ngozokuzin­ceda. Akukhange kubekho mhlali uneenkcuka­cha ezithe vetshe ngexhoba.

Kwimbalelw­ane eya emapolisen­i malunga nokubanjwa kwabarhane­lwa njengoko besaziwa ngabahlali, impendulo ibuye isithi akukhange kuvulwe tyala.

 ?? UMFANEKISO: ABONGILE GINYA ?? Isitalato ekubulewe kuso indoda ebithenge oshishina ngomzimba yakugqiba ayabhatala equigney emonti.
UMFANEKISO: ABONGILE GINYA Isitalato ekubulewe kuso indoda ebithenge oshishina ngomzimba yakugqiba ayabhatala equigney emonti.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa