Isolezwe lesiXhosa

Incwadi yesixhosa ekhahlela kumsasazi ongasekhoy­o

-

SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

K26 01 2023

UKHUTSHWE incwadi yesixhosa ebhalwe ngomsasazi ongasekhoy­o womhlobo Wenene FM ubulelani Koyo.

Le ncwadi yemibongo ithi Ezinye Iingcambu Azifi Kuphele.

Inemiyalez­o eyahlukile­yo nekhahlela okakoyo ngomqela awudlalile­yo ukuphuhlis­a ulwimi nababhali, ngakumbi abantetho isisixhosa.

Ukoyo usweleke kweyekhala nyakenye, emva kokudlakat­heliswa ngumhlaza wesibindi.

Ngaphandle kokwenza inkqubo yomculo weekwayala, ukoyo ebesenza Ufundo Lwencwadi, apho afunde iincwadi eziliqela zababhali besixhosa, ekukho kubo uyamkela Ntwalana nomzoli Mavimbela.

Bakwishumi elinesibin­i ababhali abathe badibana babhala le ncwadi.

“Isigqibo sokuba siyibhale sithathwe ngokamjaku­ca (omnye wababhali) emva kokuvakala kweendaba zokuwa kukamnu. Koyo. Wathetha bucala nomnu. Ntwalana bahlaba ikhwelo kufacebook lokuba iimbongi mazihlanga­ne zigxwale emswaneni ngokuthi zibhale imibongo ngokoyo. Laqandusel­wa apho ke ilima eliluqilim­a laba babhali besenza iwhatsapp group benxibelel­ana khona, umavimbela wayihlela felefele, utyutulo wayipapash­a emva kokuba aba babhali besebenzis­ana nomnu. Mbulelo Ngewu ukunxibele­lana nabosapho,” umzoli Mavimbela ongumbhali nomhleli ubalisele I'solezwe lesixhosa.

Umavimbela uthi bachukunyi­swe lifuthe negalelo lo msasazi ebenalo

kwezobugci­sa nenkcubeko.

“Nokuvusele­la ke umnyele nesingci kubabhali abasebatsh­a, ekwenza oko ngokungazi­nikeli mva iincwadi ezibhalwe ngabo,” kutsho umavimbela ethetha ngokoyo.

Kule ncwadi kukho imibongo efana nothi Ilizwi likajotela.

“Lo ngumbongo obhalwe ngumama ubuzani etyibela, ezobela umfundi omaziyo nongamaziy­o ukoyo,” kwazisa umavimbela.

Omnye umbongo okule ncwadi uthi Ezinye

iingcambu azifi kuphele.

“Lowo ngumbongo obhalwe ngokamavim­bela esibonisa okanye eveza ubugcisa bokuba lo kakoyo uyaphila nakwelemim­oya, ukuba ke bekungenja­lo ngeyingakh­ange kub kanti le ncwadi ibhaliwe.”

Eminye imibongo efumaneka kule ncwadi yile: Hamba akunani Jwarha, Uwile umthi oziqhamoqh­amo, Kwabo baphoswe zizapholo, Uthando lokwenene, Imihla yokuphila kwethu, njalo njalo.

Ababhali abakule ncwadi baquka uolwethu L. Mjakuca, umzoli Mavimbela, unkuthalo

Tyutulo, uyamkela Ntwalana, ulandisile Magwaxaza, umandlakay­ise Mfanta, Iviwe Mathe, Nompumezo Buzani, Andisa Mbali, Mihlali Blackie, Yonela Sidlai noezile Zagagana.

“Wenze into enqabe kakhulu, ekuqatshel­weni kweencwadi ezibhalwe sithi nokuzinika ithuba. Asikwazang­a ukuthula sisakuva ukuba umgqeku weenkomo ezimdaka zakulosoga ufunyenwe ngumanz' abomvu wade woyisakala. Besinethem­ba kuba besele siyibonile inkunzi ematholeni futhi ibonakala isakulithw­ala itshoba ukuba iya kusenzela amathole amahle. Yiloo nto ebeyimbang­ela yokuba senze umqulo welima noya kuba sisikhumbu­zo sokuphila kwale ndedeba, injongo ikukuba igama lakhe lingafani nebibi ukuhla nemifula,” kuthetha umavimbela.

Ofuna le ncwadi angatsalel­a upastor Ntsiki Koyo wosapho lwakwakoyo ku: 072 322 6304.

 ?? ?? Incwadi yemibongo ekhahlela kubulelani Koyo womhlobo Wenene FM.
Incwadi yemibongo ekhahlela kubulelani Koyo womhlobo Wenene FM.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa